[ Featuring Intimate Worshippers ]
Thixo,ulilanga lethu
Uyakhanya phezu kwethu
Umphefumlo ungabona
Apho uhambela khona
Wosiphatha ngobubele
Wosinika ubungcwele
Wopha abakhonzayo
Okuthamsanqelekayo
Thixo ulikhaka lethu
Asoyik'intshaba zethu
Zonke ziyasongwa nguwe
Soza ngokonwaba kuwe
Ithamsanqa elikhulu
Ithamsanqa lelezulu
Likho kothembayo kuwe
Ngokuba ethandwa nguwe